2. EZiyon, ukuphela kweenzwana,Uyakhazimla uThixo.
3. Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka.Kudla umlilo phambi kwakhe,Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
4. Ubiza izulu phezulu,Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5. Úthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba,Abenzé umnqophiso nam ngombingelelo.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe,Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7. Yivani, bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;NdinguThixo, uThixo wakho.
8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9. Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
10. Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi,Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.
12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.