1. Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu!Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula.
2. UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile.Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini;Úngamnikeli elitheni leentshaba zakhe.
3. UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe;Ùya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe.
4. Ndithi mna, Yehova, tarhu;Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.
5. Iintshaba zam zithetha kakubi ngam;Zithi, Úya kufa nini na, lidake igama lakhe?
6. Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo;Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga;Uphuma phandle, abuthethe.