12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.
13. Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!
14. Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.
15. Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo laboAbathi kum, Tshotsho! Tshotsho!
16. Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo,Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi,Makenziwe mkhulu uYehova.
17. Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu;INkosi iya kundikhumbulela.Umncedi wam nomsindisi wam nguwe;Thixo wam, musa ukulibala.