1. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam,Ndingoni ngolwimi lwam;Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam,Xa ongendawo asephambi kwam.
2. Ndaba sisidenge, ndathozama,Ndazisulungisa nakokulungileyo;Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.
3. Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam,Ekucamangeni kwam wavutha umlilo.Ndathetha ke ngolwimi lwam,
4. Ndathi, Ndázise, Yehova, isiphelo sam,Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo;Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.
5. Yabona, ùyenzé imihla yam yangangobubanzi besandla;Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho;Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)
6. Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;Baxokozela ngomphunga nje kodwa;Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.