8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9. Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.
12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.
13. Ke mna ndinjengesithulu, andiva;Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.
14. Ndinjengomntu ongeva nto,Omlomo ungenakuthethisa.
15. Ngokuba ndilindéle kuwe, Yehova;Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,
16. Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyeleleBona abo bangázikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.
17. Ngokuba ndihlalele ukujingxela,Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.