7. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9. Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.
12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.
13. Ke mna ndinjengesithulu, andiva;Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.