1. Yehova, musa ukundohlwaya únoburhalarhume,Ungandithethisi únobushushu:
2. Ngokuba iintolo zakho zitshoné kum,Sehla kanzima kum isandla sakho.
3. Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho;Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.
4. Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam,Bundisinda njengomthwalo onzima.
5. Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam,Ngenxa yokumatha kwam.