1. Yehova, musa ukundohlwaya únoburhalarhume,Ungandithethisi únobushushu:
2. Ngokuba iintolo zakho zitshoné kum,Sehla kanzima kum isandla sakho.
3. Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho;Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.
4. Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam,Bundisinda njengomthwalo onzima.
5. Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam,Ngenxa yokumatha kwam.
6. Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu;Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.
7. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9. Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.
12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.