5. Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
6. Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana;Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninziAkayi kufika kubo.
7. Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
8. Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
9. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
10. Mkhulu umvandedwa wongendawo;Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.