Iindumiso 32:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho,Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)

5. Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)

6. Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana;Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninziAkayi kufika kubo.

7. Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)

Iindumiso 32