8. Akwandivingcela ngesandla seentshaba,Wazimisa endaweni ebanzi iinyawo zam.
9. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile;Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;
10. Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.
11. Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo,Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo;Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
12. Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo;Ndinjengesitya esiza kulahlwa.
13. Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi,Ukunxunguphala ngeenxa zonke.Ekugquguleni kwabo ngam,Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.
14. Ke mna ndikholosé ngawe, Yehova; Ndithi, ÙnguThixo wam wena.
15. Asesandleni sakho amaxesha am;Ndíhlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.
16. Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho;Ndísindise ngenceba yakho.
17. Yehova, andiyi kudana, ngokuba ndinqula wena;Makudane abangendawo, bathi cwaka kwelabafileyo.
18. Mawubotshwe umlomo wobuxoki,Othetha ngelungisa ngokusa,Únekratshi, údela.