7. NguYehova amandla am nengweletshetshe yam;Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka.Iyadlamka ke intliziyo yam,Ndiyamdumisa ngengoma yam.
8. UYehova ungamandla kubo;Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena.
9. Sindisa abantu bakho,Usikelele ilifa lakho,Ubaluse, ubathwale kude kuse ephakadeni.