10. Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi;Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.
11. Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho;Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.
12. Ukulahleka, ngubani na okuqondayo?Ndénze msulwa kokusitheleyo.
13. Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho;Makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo,Ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.
14. Makakholeke amazwi omlomo wam, nezicamango zentliziyo yam,Phambi kwakho, Yehova, liwa lam, mkhululi wam.