Iindumiso 19:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi;Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.

11. Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho;Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.

12. Ukulahleka, ngubani na okuqondayo?Ndénze msulwa kokusitheleyo.

13. Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho;Makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo,Ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.

14. Makakholeke amazwi omlomo wam, nezicamango zentliziyo yam,Phambi kwakho, Yehova, liwa lam, mkhululi wam.

Iindumiso 19