Iindumiso 149:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Mabalidumise igama lakhe beqamba,Bembethela ingqongqo nohadi.

4. Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe,Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.

5. Mabadlamke benozuko abenceba,Mabamemelele besezililini zabo.

6. Yimibongo kaThixo emqaleni wabo,Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;

7. Ukuze benze impindezelo ezintlangeni,Izohlwayo ezizweni;

8. Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane,Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;

9. Benze kubo isiko elibhaliweyo.Luzuko olo lwabakhe benceba bonke.Haleluya!

Iindumiso 149