10. Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke,Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;
11. Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke,Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;
12. Umlisela kwanomthinjana,Amadoda amakhulu kunye nabafana:
13. Mabalidumise igama likaYehova,Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa;Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.
14. Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo,Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke,Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye.Haleluya!