1. Haleluya!Mdumise uYehova, mphefumlo wam.
2. Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi;Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.
3. Musani ukukholosa ngamanene,Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe;Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.