1. Yehova, ndiyakunqula, khawuleza uze kum;Libekele indlebe izwi lam ekudandulukeni kwam kuwe.
2. Umthandazo wam mawuhlale uhleli phambi kwakho usisiqhumiso,Nokuphakamisa kwam izandla kube ngumnikelo wangokuhlwa.
3. Umlomo wam wumisele umlindi, Yehova;Misa umgcini emnyango womlomo wam.
4. Intliziyo yam musa ukuyithobela entweni embi,Ukuba isebenze intlondi yokungendawoNamadoda asebenza ubutshinga;Mandingazidli izimnandi zawo.