11. UYehova wamfungela uDavide;Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto,Esithi, Esiqhameni sezibilini zakhoNdimisa oya kuba setroneni yakho.
12. Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam,Nesingqiniso sam endibafundisayo:Oonyana babo bothi nabo bahlaleEtroneni yakho nanini.
13. Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon,Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;
14. Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini;Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.
15. Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene;Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,
16. Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo,Abenceba bayo bamemelele bememelela.