Iindumiso 118:4-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Mabathi abamoyikayo uYehova,Ingunaphakade inceba yakhe.

5. Ndabiza uYehova ndisengxingongweni;Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.

6. UYehova ungakum, andoyiki;Angándenza ntoni na umntu?

7. UYehova ungakum ngokundinceda;Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.

8. Kulungile ukuzímela ngoYehova,Ngaphezu kokukholosa ngomntu.

9. Kulungile ukuzímela ngoYehovaNgaphezu kokukholosa ngamanene.

10. Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule:Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

11. Zingafanelana zindirhawule zandirhawula:Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

12. Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi:Zocinywa njengomlilo weentsasa;Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

13. Ùndityhale ngamandla wena ukuba ndiwe;Kodwa uYehova wandinceda.

14. Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova,Waba lusindiso kum.

15. Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi,Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;

16. Isandla sokunene sikaYehova siphakamile;Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.

17. Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi,Ndibalise ngezenzo zikaYehova.

18. UYehova undithethisé kakhulu,Ke akandinikela ekufeni.

19. Ndivuleleni amasango obulungisa;Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.

20. Nali isango likaYehova,Amalungisa angena ngalo.

21. Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule,Waba lusindiso kum.

Iindumiso 118