Iindumiso 118:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova,Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.

27. UYehova nguThixo, úsikhanyisela;Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo,Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.

28. ÙnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe;ÙnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.

29. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

Iindumiso 118