36. Bakhonza izithixo zazo,Yaba sisirhintyelo kubo.
37. Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon;
38. Baphalaza igazi elimsulwa,Igazi loonyana babo neleentombi zabo,Ábabingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan;Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.
39. Baba ziinqambi ngezenzo zabo,Bahenyuza ngeentlondi zabo.
40. Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe,Laba lisikizi kuye ilifa lakhe.
41. Wabanikela ezandleni zeentlanga,Balawulwa ngababathiyileyo.
42. Zabaxina iintshaba zabo,Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.
43. Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula;Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo,Bonákala bubugwenxa babo.
44. Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo,Akuva ukuhlahlamba kwabo.
45. Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe,Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.
46. Wabafumanisa imfesanePhambi kwabo bonke abaye bebathimbile.