32. Bamqumbisa emanzini aseMeribha,*Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
33. Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,Waphololoza ke ngomlomo wakhe.
34. Àbazitshabalalisa izizwe,Awayethethé ngazo kubo uYehova;
35. Baxubana neentlanga ezo,Bafunda izenzo zazo;
36. Bakhonza izithixo zazo,Yaba sisirhintyelo kubo.
37. Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon;
38. Baphalaza igazi elimsulwa,Igazi loonyana babo neleentombi zabo,Ábabingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan;Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.
39. Baba ziinqambi ngezenzo zabo,Bahenyuza ngeentlondi zabo.
40. Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe,Laba lisikizi kuye ilifa lakhe.