Igenesis 6:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

12. UThixo walikhangela ihlabathi, nâlo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.

13. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonákalisa, bona ndawonye nehlabathi.

14. Zénzele ke umkhombe ngemithi yegofere,* uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.*

Igenesis 6