9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.
10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.
11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.
12. UThixo walikhangela ihlabathi, nâlo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.
13. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonákalisa, bona ndawonye nehlabathi.
14. Zénzele ke umkhombe ngemithi yegofere,* uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.*