3. Bamzalisela imihla emashumi mané, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.
4. Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,
5. Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wòndingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.
6. Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.
7. Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;