Igenesis 46:30-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba ùsahleli, mandife ngoku.

31. Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;

32. kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, azé nazo.

Igenesis 46