Igenesis 46:21-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.

22. Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinaminé.

23. Oonyana bakaDan nguHushim.

24. Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.

25. Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.

26. Iyoke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.

27. Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.

28. Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.

29. UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.

30. Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba ùsahleli, mandife ngoku.

Igenesis 46