4. Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa.
5. Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu.
6. Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.
7. UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.
8. Ngoko ke àsinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.
9. Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Útsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenzé inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.