6. Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.
7. Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.
8. Ùyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singáthini na ke ukûba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?
9. Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakho, makafe; kananjalo thina síbe ngamakhoboka enkosini yam.
10. Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.
11. Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.