Igenesis 44:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wathi ke wena kubakhonzi bakho, Yihlani naye eze kum, ndiwamise amehlo am kuye.

22. Sathi thina kwinkosi yam, Umfana lowo akanako ukumshiya uyise; emshiyile, uyise angafa.

23. Wathi wena kubakhonzi bakho, Ukuba umninawa wenu omncinane akathanga ehle nani, aniyi kubuya nibubone ubuso bam.

Igenesis 44