10. Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.
11. USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi,* neeamangile.*
12. Phathani enye imali esandleni senu; naloo mali yabuyiswayo emlonyeni weengxowa zenu, buyani nayo esandleni senu; mhlawumbi sisiphosiso.
13. Nomninawa wenu mthabatheni, ninduluke, nibuyele kwindoda leyo.
14. Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.
15. Amadoda lawo awuthabatha loo mnikelo, neemali zombini aziphatha esandleni sawo, noBhenjamin, asuka ehla aya eYiputa, ema phambi koYosefu.
16. UYosefu wambona uBhenjamin enabo, wathi kumphathi wendlu yakhe, Wangenise loo madoda endlwini, uxhele, ulungise; kuba la madoda aya kudla nam emini enkulu.
17. Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.
18. Amadoda oyika, ngokuba engeniswe endlwini kaYosefu, athi, Kungenxa yemali eyayibuyiselwe ezingxoweni zethu ekuqaleni, le nto singeniswe apha; ukuze agaleleke phezu kwethu, asiwele, asithabathe sibe ngamakhoboka, kwanamaesile ethu.
19. Asondela kuloo ndoda iphethe indlu kaYosefu, athetha nayo emnyango wendlu, athi, Tarhu, nkosi!
20. Sehla okunene ekuqaleni, sisiza kuthenga ukudla.
21. Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo.
22. Sibuyé nayo ke siyiphethe. Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.
23. Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela.
24. Yabakhuphela uSimon. Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.