18. UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
19. Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
20. Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
21. Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
22. Wabaphendula uRubhen esithi, Ndabe ndingĂ tsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.
23. Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.
24. Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.
25. Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.
26. Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.