7. zesuka izikhwebu ezingcakacileyo zaziginya izikhwebu zosixhenxe ezityebileyo, ezichumileyo. Wavuka uFaro, O, liphupha!
8. Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.
9. Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam.
10. UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.
11. Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.
12. Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere, isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
13. Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wà ndibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.