17. UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;
18. nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;
19. nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;
20. amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo;
21. angena embilinini wawo àkwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama.
22. Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile;
23. nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo.
24. Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.