Igenesis 4:25-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete,* kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.

26. USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.

Igenesis 4