Igenesis 38:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

2. UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

3. Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

4. Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

5. Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

6. UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

7. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.

8. UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.

9. Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni, ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.

10. Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.

11. Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.

Igenesis 38