9. UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.
10. Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.*
11. Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.
12. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiliniké wena; ndiliniké imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
13. Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
14. UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
15. UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.*
16. Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
17. Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba naló ngunyana wakho.