25. Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.
26. Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.
27. UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.
28. Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.
29. UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.