Igenesis 33:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.

7. Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.

8. Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibábalwe emehlweni enkosi yam.

9. Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.

10. Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.

11. Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.

12. Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.

13. Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.

14. Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo, ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.

15. Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.

16. Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.

17. UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlanti; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.*

Igenesis 33