Igenesis 31:9-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.

10. Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.

11. Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.

12. Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.

13. NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.

14. Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?

15. Àkuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba úthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.

20. UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram*, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.

21. Wabaleka ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo,* wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.

22. Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.

23. Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.

24. Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

25. ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

26. Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

27. Yini na ukuba uzímele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndikundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.

28. Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenzé ngobudenge.

29. Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

30. Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?

31. Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.

Igenesis 31