Igenesis 31:24-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.

25. ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.

26. Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?

27. Yini na ukuba uzĂ­mele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndikundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.

Igenesis 31