5. Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.
6. Wathi uRakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.*
7. Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
8. Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.*