Igenesis 30:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.

6. Wathi uRakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.*

7. Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

8. Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.*

Igenesis 30