Igenesis 30:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

24. Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

26. Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.

27. Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.

28. Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.

29. Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.

Igenesis 30