Igenesis 29:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.

5. Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.

6. Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.

7. Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.

Igenesis 29