Igenesis 26:27-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?

28. Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,

29. wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.

30. Wabenzela isidlo, badla, basela.

31. Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.

32. Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.

Igenesis 26