28. UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
29. UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.
30. Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*
31. Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.
32. Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?
33. Wathi uYakobi, NdÃfungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.