Igenesis 25:28-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.

29. UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.

30. Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*

31. Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.

32. Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?

33. Wathi uYakobi, Ndífungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

Igenesis 25