Igenesis 25:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.

28. UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.

29. UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.

30. Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*

Igenesis 25