Igenesis 25:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.

23. Wathi uYehova kuye,Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,Esinye somelele ngaphezu kwesinye;Omkhulu uya kukhonza omnci.

24. Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.

25. Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.*

26. Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.* UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.

Igenesis 25