Igenesis 25:19-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2-3. Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa. UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.

19. Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.

20. UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram* wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.

21. Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.

22. Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.

23. Wathi uYehova kuye,Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,Esinye somelele ngaphezu kwesinye;Omkhulu uya kukhonza omnci.

24. Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.

25. Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.*

26. Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.* UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.

27. Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.

28. UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.

29. UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.

30. Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*

31. Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.

32. Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?

33. Wathi uYakobi, Ndífungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

34. UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.

Igenesis 25