Igenesis 25:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2-3. Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa. UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.

12. Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.

13. Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare,

14. noAdebhele, noMibhesam, noMishma, noDuma, noMasa;

15. uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.

16. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikhulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.

17. Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.

18. Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.

19. Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.

20. UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram* wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.

Igenesis 25