16. Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.
17. Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.
18. Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.
19. Yakugqiba ukumseza, yathi, Neenkamela zakho ndiya kuzikhelela, zide zigqibe ukusela.
20. Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke iinkamela zakhe.
21. Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumlelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.